XH/Prabhupada 0003 - Man Is Also Woman



Lecture on SB 6.1.64-65 -- Vrndavana, September 1, 1975

tām eva toṣayām āsa
pitṛyeṇārthena yāvatā
grāmyair manoramaiḥ kāmaiḥ
prasīdeta yathā tathā
(SB 6.1.64)

Emva kokubona umfazi, wyesoloko ecinga, ntsuku-zonke, ngalo mba wokulangazelela. Kāmais tais tair hṛta-jñānāḥ (BG 7.20). Xa umntu elangazelela, uye alehlekelwe bubukhali beengqondo. Ilizwe lonke lisebenza ngale ndlela yokulangazelela. Lilizwe eli. Kuba ndibawa, nawe uyabawa, sonke, ngoko ke xa iminqweno yam ingaphumeleli, neyakho ayiphumeleli, nditsho ndibe yintshaba yakho, nawe ube lutshaba lam. Andisaboni nenqubela-phamili yakho entle. Nawe awusa yiboni eyam inqubela-phamili entle. Lilizwe eli, umona, ukulangazelela, kāma, krodha, lobha, moha, mātsarya. Lisebenza kanje ihlabathi lonke.

Watsho waba.... Ingqeqesho yaye yokuba abe yi- brāhmaṇa, śamo, dama, kodwa inqubeko yakhe yema kuba wayethanda abafazi kakhulu. Ngokwe siqhelo se-Veda, kuye kuvunywe ukuba umfazi sisiphazamisi ekuphumeleleni kwezomoya. Uluntu lonke lelo kuphelisa ukulangazelelela umfazi.... Musa ukucinga ukuba ngumfazi yedwa ongumfazi nendoda iyakhwazi ukuba ngumfazi ngokwengcingo. Musa ukucinga ukuba ngabafzi bodwa abagwetyiweyo, ukuba indoda isindile. Ubufazi buthetha ukonwatywa, indoda umonwabi. Ngoko ke, ukuziva kanje akufuneki. Xa ndibona ukuzonwabisa kuphela kumfazi, ndiyindoda. Kananjalo, xa umfazi ebona ukuzonwabisa kuphela kwindoda, nawe yindoda. Mfazi kuthetha ukonwatywa futhi ndoda kutheta ukonwaba. Nabani na onalemvakalelo yokonwaba, uye abizwe ngokuba yindoda. Ngoko ke, zimo zozibini zenzelwe.... Wonke umntu uyacwangcisa, "Ndiza konwaba njani?" Ngoko-ke, u- puruṣa, uyazenzisa. Kodwa ekuqalekeni, sonke si-prakṛti, jīva, mfazi nandoda kananjalo. Konke oku yinkangeleko kuphela.