XH/Prabhupada 0007 - Krishna's Maintenance Will Come



Lecture on SB 1.5.22 -- Vrndavana, August 3, 1974

Brahmānanda: I-Brāhmaṇa kufanele ingaphangeli.

Prabhupāda: Hhayi. Ingafa yindlala. Akufanelekanga iphangele. Yilonto ubu-brāhmaṇa. Kunye ne-Kṣatriya, ne-vaiśya kanti. Yi-śūdra kuphela. I-vaiśya izofumana umsebenzi. Uzofumana ishishini. Kukhona ibali elenzekayo. Omnye uMnumzana, kudala-dala, e-Calcutta, waaya kumhlobo wathi, "ukuba ungadinika inkunzi yemali, ndingaqala ishishini." Waphendula umhlobo wathi, "Uyi-vaiśya? Usomashishini?" "Ewe" "Kutheni ke ufuna inkunzi apha kum? Igcwele imali apha esitalatweni. Ungiyifumana." Wathi, "kodwa andiyifumani." "Akuyiboni? Yintoni le?" "Le, ligundwane elifileyo." "Nantso ke inkunzi yemali yakho."

Bona, kaloku ngezontsuku e-Calcutta kwakukho ubhubhane wamagunwane. Wathi ke uMasipala, nabani na ozisa amagundwane afileyo uzobhatalwa ama-anna amabini. Waye wathatha elogundwane walisa kwamasipala. Wabhatalwa ama-anna amabini. Ngalo ma-anna amabini, wathenga amandongomane abolileyo, wawahlamba, wawathengisa ngama-anna amane, amahlanu. Ngolu hlobo, ngokuphinda-phinda oku, waye waba sisityebi. . Enye indoda kwelikhaya yaye yaba ngumhlobo wam. Ikhaya lakwa-Nandi. Elokhaya kunangoku, londla abantu abangamakhulu amane okanye amahlanu ntsuku zonke. Usapho olukhulu olubalulekileyo. Futhi, ndlela abenza ngayo, xa unyana okanye intombi izalwa, ubekelwa amawaka amahlanu emali ebhankini, athi xa etshata, lomawaka amahlanu kunye nenzalo yawo angawathatha. Ngaphandle koko, asikho esinye isabelo asifumanayo. Futhi wonke umntu kusapho, ufumana ukutya nomzi. Kodwa inkulu yosapho, u-Nandi wokuqala, waqala ishishini lakhe ngegundwane elifileyo.

Yinyani qha leyo, iphelele apho, yaxa umntu efuna ukuzimela... E-Calcutta ndiyibonile. Ne-vaiśya ezisokolayo, ekuseni zithatha i-ḍāl encinci, ingxowana ye-ḍāl, ziye ziyothengisa kumzi nganye. I-Ḍāl iyadingeka ndawo zonke. Ngoko ke, ekuseni wenza ishishini le-ḍāl, ebusuku enze ishishini lokuthengisa lamafutha esibane. Kuba ebusuku wonke umntu udinga ukukhanyisa izibane. Kunangoku uzofumana e-Ndiya, ba.... Akhomntu okhangela uqesho. Okuncinci, noba kungakanani anako umntu, noba kukuthengisa amandongomane. Kukhona akwenzayo. Ekugqibeleni, ngu-Kṛṣṇa umondli wethu sonke. Sisiphazamo ukucinga ukuba "Ndondliwa ngumntu." Hhayi. I-Śāstra ithi, eko yo bahūnāṁ vidadhāti kāmān. Kukuthemba u-Kṛṣṇa, ukuthi "u-Kṛṣṇa undinike ubomi, u-Kṛṣṇa undizise apha. Ngoku ke uzakundodla. Ngoku ke ngokukwazi kwam, mandenze endikwaziyo, futhi ngolo hlobo, isondlo sika- Kṛṣṇa siya kuvela."