XH/Prabhupada 0004 - Don't Surrender To Any Nonsense

Revision as of 02:32, 24 October 2018 by Elad (talk | contribs) (Undo revision 410365 by Vanibot (talk))
(diff) ← Older revision | Latest revision (diff) | Newer revision → (diff)


Lecture on BG 10.2-3 -- New York, January 1, 1967

Le nkqubo... Ebhaliweyo na kwi- Bhagavad-gītā. Tad viddhi praṇipātena paripraśnena sevayā (BG 4.34). Xa ufuna ukuqonda eyona mfundiso yezenzululwazi ephakemileyo, kunyanzelekile ulandele le miyalelo. Yintoni yona? Tad viddhi praṇipātena. Kunyanzeleke uzinikezele. Iyafana: nje nge namanta eva. Ngaphandle kokuxhoma, awukwazi ukuba kwisimo sokuzinikela. Phi? Praṇipāta. Ufumaneka phi ke lo umntu "Nanku umntu endingazinikela kuye?" Le nto ithetha ukuba kumele sivavanye ukuba singazinikela phi na. Leyo into kunyanzelekile sibe nolwazi ngayo. Musa ukuzinikela kubuvuvu nje. Ungazi njani na ukuba uzinikela kubuvuvu okanye inyani? Noku kubhaliwe kwi- śāstra. Kutshiwo kwi-Kaṭha Upaniṣad. Tad viddhi praṇipātena pari... (BG 4.34). Kaṭha Upaniṣad says that tad-vijñānārthaṁ sa gurum evābhigacchet śrotriyaṁ brahma-niṣṭham [MU 1.2.12]. Esi śrotriyam sithetha olandelayo abaphambili. Yintoni ubungqina bokuba ulandela abaphambili? Brahma-niṣṭham. Brahma-niṣṭham kuthetha ukuba uqinisekile ngokupheleleleyo kwiNyaniso. Kulapho apho uthi uzinikele ke. Praṇipāta. Praṇipāta kuthetha prakṛṣṭa-rūpeṇa nipātam, akukho kuzibambezela. Uba uyamfumana umntu onjalo, zinikele apho kuye. Praṇipāta. Zama ukumsebenzela, zama ukumonwabisa, umbuze nemibuzo futhi. Kuzakvela konke. Kunyanzelekile ufumane ingcali enje uzinikele kuyo. Ukuzinikela kuye kufana nokuzinikela kuThixo kuba le ngcali ngummeli kaThixo. Wamkelekile ukuba ubuze imibuzo, ukuze uqonde, hhayi ukudlala ngexesha. Le nto ibizwa paripraśna. Ziinkqubo ezi. Yonke into ikhona apha. Kumele nje siyenze thina. Kodwa ukuba asiyithathi le nkqubo sidlale nje ngexesha lethu ngokunxila nokuqamba nazo zonke izinto ezinobuvuvu, asisoze side siphumelele. Asi siqonda uThixo. Kuba uThixo akaqondeki nakwiingelosi naku bapropheti. Imizamo yethu encinanane yintoni yona? Nazi apha iinkqubo. Futhi ukuba uyayilandela, asammūḍhaḥ, asammūḍhaḥ, xa ulandela isikhokhelo ngokuqinisekileyo, asammūḍhaḥ, ngaphandle kwentandabuzo, uba uya... Pratyakṣāvagamaṁ dharmyam. Uba uyalandela, uzoziqondela nawe ukuba, "Ewe. Ikhona into endiyifumanayo." Awulandeli nje okwe mfama, awulandeli ngokungazi. XA ulandela imiyalelo, uza kuye uqonda. Nje nga xa utye ukutya okuphilisayo, uziva usemandleni indlali yakho iphelisiwe. Akunyanzelekanga ubuze 'mntwini. Uya kuzivela ngokwakho. Kananjalo, ukuba uza kwindlela elungileyo ulandele imiyalelo ebekiweyo, uya kuzivela uqonde, "Ewe, ndenza inkqubela-phambili." Pratyakṣa... Kwisahluko sethoba Utshilo (uThixo) ukuba pratyakṣāvagamaṁ dharmyaṁ susukham. FUthi kulula kakhulu. Uya kutsho wonwabe emphefumlweni. Yeyiphi ke le nkqubo? Kukuthi Hare Kṛṣṇa sidle ne-kṛṣṇa-prasāda sifunde neemfundiso ze-Bhagavad-gītā, simamele umculo omnandi. Kunzima oku na? Kunzima oku na? Akukho nzima tuu. Ngoko ke ngale nkqubo uyakuba asammūḍhaḥ. Akho 'mntu oya ku kuqhatha. Kodwa xa ufuna ukuqhathwa, baninzi abaqhathi. Musa ke ukwenza uluntu lwabaqathayo nabaqhatiweyo. Landela nje le nqkubo ye-paramparā nje ngokuba ichaziwe kwiincwadi zama-Veda, nje ngokuba ichaziwe ngu- Kṛṣṇa. Zama ukuyiva emthonjeni uzae futhi ukuyenza empilweni yakho. Ngoko asammūḍhaḥ sa martyeṣu. Martyeṣu kuthetha.... aba balungeleyo ukufa. Ngobani aba? Sonke, usukela ekuqaleni ku-Brahmā kuze kwimbovane engabalulekanga, sonke si-martya. Martya kuthetha ukuba likhona ixesha apho siza kufa. Ngoko martyeṣu. Kwabafayo, yena uba ngoyena obukhali. Asammūḍhaḥ sa martyeṣu. Ngoba? Sarva-pāpaiḥ pramucyate. Ukhululekile kuzo zonke iziphumo zezenzo ezingalunganga nezimbi. Kwililizwe, sisazi singazi, sisoloko sisenza imisebenzi engalunganga. Ngoko ke, kunyanzeleke sifumane iziphumo zale misebenzi. Siphuma njani ke ngoku kuyo yonke le nto? Nayo leyo ibhaliwe kwi-Bhagavad-gītā. Yajñārthāt karmaṇo 'nyatra loko 'yaṁ karma-bandhanaḥ (BG 3.9). Nantoni na oyenzayo, yenzela u-Kṛṣṇa... Yajña kuthetha u-Viṣṇu okanye u-Kṛṣṇa. Ukuba usebenzela u-Kṛṣṇa kuphela, utsho ukhululeke kwiziphumo zezinto zonke. Śubhāśubha-phalaiḥ. Senza ubulungisa okanye ububi. Kodwa bona abo ba kwi-Kṛṣṇa khonshiyasinesi, abesebenza njalo, abanto yokwenza nemisebenzi enobuhle okanye enobubi Kuba unxulumene noyena olungileyo, u-Kṛṣṇa. Ngoko ke sarva-pāpaiḥ pramucyate. Uye akhululeke kwiziphumo zezenzo zonke ezingalunganga. Yi nkqubo lena. Futhi ukuba siyayithatha le nkqubo, ekugqibeleni siye sizibandakanye no-Kṛṣṇa nobomi bethu butshu buphumelele. Ilula gqithi le nkqubo, futhi nabani na angayithatha ayenze. Ndiyanibulela kakhulu.