XH/Prabhupada 0008 - Krsna Claims That 'I Am Everyone's Father'

Revision as of 23:15, 13 June 2018 by Vanibot (talk | contribs) (Vanibot #0019: LinkReviser - Revised links and redirected them to the de facto address when redirect exists)
(diff) ← Older revision | Latest revision (diff) | Newer revision → (diff)


Janmastami Lord Sri Krsna's Appearance Day Lecture -- London, August 21, 1973

Ngoko ke, e-Indiya, bonke abantu abaphambili, abangcwele, abanobulumko kunye ne-ācārya, bakhathalele olulwazi lwezomoya kakuhle nangokupheleleyo, kodwa asiluthatheli kuthi. Akutshiwo ukuba eza-śāstras nemiyalelo zenzelwe amandiya okanye ama-hindu okanye ama-brāhmaṇa kuphela. Hhayi. Yeyomntu wonke. Kuba u-Kṛṣṇa uyatsho:

sarva-yoniṣu kaunteya
sambhavanti mūrtayaḥ yaḥ
tāsāṁ mahad brahma yonir
ahaṁ bīja-pradaḥ pitā
(BG 14.4)

U-Kṛṣṇa uyatsho ukuba "Ndingubawo wabantu bonke." Kunjalo-nje, ufuna ukusonwabisa sonke, siphile ngoxolo. Njengoba uYise efuna ukubona unyana wakhe ehleli kamnandi, esonwabile, kananjalo, u-Kṛṣṇa ufuna ukusibona sonke siphila kamnandi sonwabile futhi. Yilonto emana esiza ngamanye amaxesha. (BG 4.7) Yadā yadā hi dharmasya glānir bhavati. Sisizathu sokuba ehle eze kuthi u-Kṛṣṇa. Abalandeli baka-Kṛṣṇa, abakhonzi baka- Kṛṣṇa, kufanele bathathele kubo lomsebenzi ka- Kṛṣṇa. Kufanele bawuthathele kubo lomsebenzi ka-Kṛṣṇa. Olu lushicilelo luka-Caitanya Mahāprabhu.

āmāra ajñāya guru hañā tāra ei deśa
yare dekha, tare kaha, 'kṛṣṇa'-upadeśa
(CC Madhya 7.128)

Kṛṣṇa-upadeśa. Zama nje ukushumayela okuthethwe ngu-Kṛṣṇa kwi- Bhagavad-gītā. Luxanduva lamandiya onke olu. Kutsho u-Caitanya Mahāprabhu.

bhārata-bhūmite manuṣya janma haila yāra
janma sārthaka kari para-upakāra.
(CC Adi 9.41)

Ngoko amandiya, amandiya afenelwe uku-para-upakāra. Akufanelekanga amandiya axhaphaze abanye abantu. Ayingomsebenzi wamandiya lowo. Imbali yamandiya isoloko iyeye para-upakāra. Futhi ekuqalekeni, abantu kumazwe ngamazwe ehlabathi babesiya eIndiya beya kufunda ezomoya. NoYesu Khrestu waya phaya. Nabasuka eTshayina nakwamanye amazwe. Yimbali leyo. Kodwa siyali libala ixabiso lethu. Sinokungakhathaliyo. SInentshukumo engumangaliso, i-Kṛṣṇa khonshiyasinesi, iyaqhubeka kwihlabathi lonke, kodwa amandiya aye engakhathali, norhulumente akakhathali. Abathatheli kubo. Sesona siphoso sethu eso. Kodwa lushicilelo lika- Caitanya Mahāprabhu. Uthi nabani na olindiya, bhārata bhūmite manuṣya janma, ukuba ngumntu ochubekilyo, makenze ubomi bakhe buhle ngokuthathela kwiincwadi zama-Veda adlulise ulwazi olubhaliweyo kwihlabathi lonke. Yilonto i- para-upakāra. Ngoko ke, ingenza i-Indiya. Basixabisile phofu. Lama-yurophi, aba bafana base-melika, baxabise ulukhulu.... Ndifumana iincwadi mihla yonke, ukuba bazuza kangakanani ngaletshukumo yethu. Yinyaniso leyo, iphelele apho. Ngumnikelo wempilo kwabafileyo. Ngoko ndakucela kuni mandiya, ngakumbi uMongameli, ngomonde ncedisani le ntshukumo, nizame ukuphumelelisa iimplio zenu nezabanye. Lushicilelo lika-Kṛṣṇa olu, isizathu sokuba ehle eze u- Kṛṣṇa. Ndiyanibulela kakhulu.