XH/Prabhupada 0002 - Madman Civilisation



Lecture on SB 6.1.49 -- New Orleans Farm, August 1, 1975

Harikeśa: Utoliko.... "Nje ngoguba umntu xa ephupha eziva ngathi ukuwo umzimba lo wephupha, awuvume lo mzimba wephupha ngathi nguye, kananjalo uya zichonga nalomzimba akuwo, ofunyeniweyo ngeziphumo zempilo enonqulo okanye engenalo esele idlule kanti angazi ngobomi osele budlule okanye obuzayo.

Prabhupāda:

yathājñas tamasā (yukta)
upāste vyaktam eva hi
na veda pūrvam aparaṁ
naṣṭa-janma-smṛtis tathā
(SB 6.1.49)

Sikulemeko. Yimpucuko yezenzululwazi le, asizazi ukuba "ndandiyintoni phambi kobubomi nokuba ndakubayintoni na xa buphelile obu ubomi?" Ubomi yinkqubeko. Lulwazi olu lwezomoya. Kodwa abantu abazi nokuba ubomi buyaqhubeka. Bacinga, "Ngethamsanqa, ndifumene obu ubomi, futhi buza kuphela xa sele ndifile. Akunangcingo ngexesha elaadlulayo, langoku nelizayo. Masonwabe." Kungazi oku, tamasā, bubomi obungakhathaliyo. Ngoku ke ajñaḥ. Ajñaḥ kuthehtha umntu ongenalwazi. Ngubani ke ongenalo ulwazi? Ngoku, tamasā. Abo bakwinqnaba lokungazi. Mathathu amanqanab' endalo, sattva, raja, tamas. Sattva-guṇa kuthetha ukuba yonke into icacile, prakāśa. Njengokuba ngoku izulu linamafu, ukukhanya kwelanga akucacanga. Kodwa ngaphaya kwelifu kukhona ukukhanya, konke kuvelile kwacaca. Nangaphakathi kwelifu akucacanga. Kananjalo, abo bakwelinqnaba ye-sattva-guṇa, kubo yonke into icacile, abo bona bakwinqanaba le- tamo-guṇa, kubo yonke into ibonakala ingacacanga, kunye nabo bona abaphakathi, abangekhoyo kwi-rajo-guṇa (sattva-guṇa), kunye ne-tamo-guṇa, abaphakathi babizwa i-rajo-guṇa. Mathathu amanqnaba, i-guṇas. Tamasā. Bona bonwabela umzimba abakuwo kuphela, abanaxhala ukuba kuzakwenzeka ntoni, futhi abanalwazi lokuba sele kwenzeke ntoni phambi koku. Kuchaziwe kwakho: nūnaṁ pramattaḥ kurute vikarma (SB 5.5.4). Pramattaḥ, njengomntu ophambeneyo. Akazazi ukuba uphanjaniswa yintoni. Uzilibele. Nangezenzo zakhe, ukuba kuzakwenzeka ntoni na, akazi. Ligeza.

Ngoko ke, obu bomi, le mpucuko yangoku, yeyobomi bempambano. Abanalwazi abantu ngobomi osele budlule, futhi abufuni nokwazi ngekamva labo. Nūnaṁ pramattaḥ kurute vikarma (SB 5.5.4). Bezibandakanya kwizenzo ezingcolileyo kuba abanalwazi ngobomi ababuphilayo. Okwe nja. Xa umntu eyinja, akazazi nokuba uza kuba nantoni na? Ngoko, inja yayisenokuba ngumongameli kubomi obaadlulayo, kodwa xa efumana ubomi benja uyalibala. Yimpembelelo ye-māyā leyo. Prakṣepātmikā-śakti, āvaraṇātmikā-śakti. I-Maya inamacala amabini. Uba umntu ngenxa yezenzo ezimbi zobomi obudlulileyo sele eyinja ngoku, akhumbule ukuba wakhe waba ngumongameli, kanti ngoku sele eyinja, Akunakwenzeka ukuba akwazi ukuphila ubomi obuzolileyo. Ngoko ke, i-māyā iyalusitha olulwazi. Mṛtyu. Mṛtyu kuthetha ukulibala konke. Lonto ibizwa i-mṛtyu. Ukuze sibenamava ntsuku zonke. Xa ebusuku siphupha izinto ezahlukileyo, ubomi obuhlukileyo, xa silibele ngale mizimba, ukuba "silele. Ukuba umzimba wam usendlini entle". Hayi Cinga uyazula-zula esitalatweni okanye okanye usendulini. Ngoko uyathatha, ephupheni lakhe uyathatha... Sonke, sinomdla walowo umzimba. Siyawulibala osele siwusebenzisile. Kungazi oku. Ngoko ukuzenysela kwelinqanaba lokungazi kukuphumelela ebomini. Futhi ukuzigcina kwelinqanaba kukungaphumeleli. Kukumosha ubomi. Ngoko, thina kuluntu lweKṛṣṇa consciousness siyamkhupha umntu kwinqanaba lokungazi simnike ulwazi. Yinjongo yembaliso ye-Veda le: ukusindisa abantu. UKṛṣṇa uthi kwiBhagavad-gītā ngabalandeli bake- hayi bonke- teṣāṁ ahaṁ samuddhartā mṛtyu-saṁsāra-sāgarāt (BG 12.7). Aphinde athi:

teṣāṁ evānukampārtham
aham ajñāna-jaṁ tamaḥ
nāśayāmy ātma-bhāva-stho
jñāna-dīpena bhāsvatā
(BG 10.11)

Kubalandeli bakhe, uhleli kwiintiziyo zabo, Kodwa, ozama ukumva uKṛṣṇa yena uyamncedisa. Uyanceda. Kwabangalandeliyo, abangakhathaliyo... Bayafana nje nezilwanyana- bayatya, bayalala, benza' manyala duthi bayalwa. Abanankathalo nangantoni na, nokuva uThixo nobuzalwane naye. Bona, bacinga ukuba akekho uThixo, noKṛṣṇa uthi, "Ewe. akunaThixa kuni, lalani kuphela." Yilonto idingeka i-sat-saṅga. Le sat-saṅga, satāṁ prasaṅgāt. Ngokunxulumana nomlandeli kaKrsna, siye sifun' ukwazi ngaye uThixo. Ngoko ke, iyadingeka lemibindi. Asivuli mibindi kuphela nje injongo yehtu. Kukuncedisa nokusindisa uluntu lonke.