XH/Prabhupada 0006 - Everyone is God - Fool's Paradise



Lecture on SB 1.15.49 -- Los Angeles, December 26, 1973

Bonke abantu banekratshi, bacing' uba "Ndiyazi. Nto zonke ndiyazazi. Akukho sidingo sokuya kumfundisi." Yindlela yokufikelela kumfundisi le, umkhokheli wezomoya: ukuzinikela, ukuthi "Ndazi imfungu-mfungu eninzi engabalulekanga. Ngoku, ndiyacela undifundise." Oku kukuzinikela. Njengokuba wayetshilo uArjuna, śiṣyas te 'haṁ śādhi māṁ prapannam (BG 2.7). Xa kwakukho ungavisisani phakathi ko-Arjuna no-Kṛṣṇa, umcimbi engenasisombululo, kulapho u-Arjuna wazinikela ku-Kṛṣṇa, Kṛṣṇa, sixoxa nje nga 'bahlobo ngoku. Lidlule elo xesha. Ndiyakuvuma njengomkhokheli wam wezomoya. Ngobubele, ndifundisi ukuba uxanduva lam luyini na." Leyo yi- Bhagavad-gītā.

Ngoko ke kumele umntu afunde. Tad-vijñānārthaṁ sa gurum eva abhigacchet [MU 1.2.12]. Ligunya lama-Veda olu, ukuba yintoni ixabiso lobomi? Lutshintsha njani? Umoya usuka njani emzimbeni aye komnye? Ndiyintoni? Ndingulomzimba okanye ndingaphaya kwawo, ndiyintoni? Ezi zinto kumele ziphandwe. Bubomi bomntu obo. Athāto brahma jijñāsā. Uphando olunje kufanele kwenziwe. Kweli-xesha le-Kali-yuga, ngaphandle kolwazi, kaphandle kophando, ngaphandle komfundisi, ngaphandle kwencwadi, sonke singuThixo. Kuphela. Kuyenzeka oku, iparadesi yobubhanxa. Akuzukunceda oku. Apha, ngo-Vidura...

viduro 'pi parityajya
prabhāse deham ātmanaḥ
kṛṣṇāveśena tac-cittaḥ
pitṛbhiḥ sva-kṣayaṁ yayau
(SB 1.15.49)

Bendithetha ngo-Vidura. UVidura ngu-Yamarāja. Umntu ongwele waaziswa ku-Yamarāja ukuba ohlway'we. Lomntu waye waphanda ku-Yamarāja, wathi, "Andizikhumbuli ebomini bam ndisenza isono. Kutheni ndiziselwe ukohlwayiwa apha?" U-Yamarāja wathi "Awukhumbuli. Usengumntwana wahlaba imbovane ngenaliti, yafa. Ngoko ke kunyanzeleke wohlwayiwe." Bona nje. Ebuntwaneni, ngokungazi, ngenxa yokwenza isono, uyohlwayiwa. Thina, singanyanzelekanga, ngongahhoyi umthetho-siseko wonqulo wokuba "Uze ungabulali," thina sivule amawaka wezilarha, senza ithiyori engekhoya yokuba usilwanyana asinamoya. Bona nje ubumnandi. Futhi yonke lento iyaqhubeka. Kodwa sifuna ukuphila ngoxolo.