XH/Prabhupada 0011 - One Can Worship Krishna Within The Mind



Lecture on BG 4.28 -- Bombay, April 17, 1974

Kwi-Bhakti-rasāmṛta-sindhu, kukhona ibali.... Ayilobali phofu, yinyani. Kubhaliwe ukuba enye i-brāhmaṇa- yayilikholwa elikhulu - wayefuna ukukhonza kalukhulu etempileni. Kodwa waye ngenamali. Kodwa ngenye imini wayehleli kwiklai ye-Bhāgavata wava ukuba u-Kṛṣṇa nokukhonza ngokucinga. Waye wathatha elithuba kuba kwakudala ecinga ukuba angamkhonza njani u-Kṛṣṇa, engenayo imali. Ngoko, xa wafumana elithuba lokukhonza u-Kṛṣṇa engqondweni yakhe, wathi emva kokuba ehlambe emfuleni i-Godāvarī, wahlala phantsi komthi, ngengcingo yakhe wakha i-siṁhāsana, iqonga, elihle kakhulu elihonjiswe ngamatye amahle, wacinga ngeNkosi ehleli eqongeni, ehlamba iNkosi ngamanzi e-Ganges, e-Yamunā, e-Godāvarī, e-Narmadā, ne-Kāverī. Wayenxibisa iNkosi ngempahla ezintle ezintle kakhulu, emkhonza ngeentyatyambo. Wayemphekela kamnandi kakhulu, epheka i-paramānna, irayisi enencasa. Ngoku wayefuna ukuva ukuba ayitshisi na. Kuba i-paramānna idliwa xa ibanda. I-paramānna ayikhomnandi xa ishushu. Ngoko ke weva ngomnwe wakhe ukuba ayitshisi na, umnwe wakhe watsha. Kwaphazamiseka iingcingo zakhe, kwakungekho nto. Yonke into yayisenzeka engqondweni yakhe. Ngoko.... Kodwa waye wazibona etshile emnweni wakhe. Wayothuka kanobomi. Ngolu hlobo, u-Nārāyaṇa e-Vaikuṇṭha, wayesonwabile. U-Lakṣmījī wabuza, "Kutheni uncumile?" "Omnye wabalandeli bam uyandikhonza kanje. Thumela abantu bam baye kumlanda ngoku." Imnandi kanje ke i-yoga ye-bhakti uba noba awunazinto ezininzi ezintle zokukhonza iNkosi, ungayenza engqondweni kuphela. Nalonto iyakwazi ukwenzeka.