XH/Prabhupada 0850 - Xa ufumene imali, shicilela iincwadi



750620d - Lecture Arrival - Los Angeles

Akunant' entsha esiyiphawuleyo. Asenzi nto entsha. Yinkqubo yethu le. Silandela imiyalelo yabamanduleli kuphela. Kulula ukulandela uluntu lwethu ngokuba asinant' entsha esiyphawulayo, esiyenzayo. Siphinda imiyalelo yabamanduleli kuphela. U-Kṛṣṇa waayalela u-Brahmā, u-Brahmā waayelela u-Nārada, u-Nārada yena waayalela u-Vyāsadeva, u-Vyāsadeva wayalela u-Madhvācārya, njalo njalo, ngoko kwalandela u-Mādhavendra Purī, u-Īśvara Purī, u-Śrī Caitanya Mahāprabhu, nee- Gosvāmī ezisithandathu, emva koko u-Śrīnivāsa Ācārya, u-Kavirāja Gosvāmī, u-Narottama dāsa Ṭhākura, u-Viśvanātha Cakravartī, kwalandela u-Jagannātha dāsa Bābājī, u-Bhaktivinoda Ṭhākura, u-Gaurakiśora dāsa Bābājī, no-Bhaktisiddhānta Sarasvatī, ngoku nathi silandela ngokufanayo. Akunamehluko. Yinkgubo yoluntu lwe-Khrishna Khonshiyasinesi le. Imihla yonke ucula guru-mukha-padma-vākya, cittete koriyā aikya, ār nā koriho mane āśā. Yinto elula. Sifunmana ulwazi lwezomoya oluphuhlileyo ngolulandelwano luyi-guru-paramparā. Ngoko ke kumele sithathe imiyalelo yomfundisi, siyive kwiintiziyo nemiphefumlo yethu, siphumelele. Kuyenzeka lula oku. Andinamfanelo ethile mna, kodwa ndazama nje ukholisa umfundisi wam qha. Waathi kum, "Xa ufumana imali, shicilela iincwadi. Kwaabakho indibano yabucala, kwaathethwa, abany' oontanga bam ababalulekileyo babekhona. Kwaku se-Rādhā-kuṇḍa. u-Guru Mahārāja waathetha nam esithi "Oko sifumene letempile i-Baghbazar sihlelwe yintlukano, bonke bacinga ngegumbi abazakulifumana kuphela. Ngoko ke, ndinqwenela ukuba ithengiswe le-tempeli kushicilelwe iincwadi ngenzuzo yemali. Ewe. Ndava kumlomo wakhe ukuba uyazithanda iincwadi. Futhi waandixelela ngokwakhe ukuba "xa ufumene imali, shicilela iincwadi." Yilonto ndigxininisa lo mbono ndisoloko ndibuza: "Iphi incwadi, iphi incwadi, iphi incwadi?" Ngoko ke, sisicelo sam ukuba nindincedise. Shicilelani iincwadi ngamalwimi onke nizisasaze kwilizwe lonke. Olu luntu lakutsho lenyukele liphumelele. Ngoku, abafundileyo nabaphambili kwezolwazi, bayalubona uxabiso lalombutho, ngokufunda iincwadi, nokwamkela izizaliso zokufunda. Njengo qhirhalwazi u-Stillson Judah, unencwadi ayibhalileyo, mhlawumbi niyayazi, Khrishna Khon... Ama-Hare Krishna nenkcubeko eyahlukileyo, yincwadi ebhalisa kakuhle ngoluntu lwethu, futhi unika ubaluleko kuthi. Wamkelile wathi "Swāmījī, umhle umsebenzi owenzayo kuba uguqule abasebenzisi-kabi beziyobisi wabenza abalandeli beNkosi nabo futhi bayazilungiselela kakhuhle ukusebenzela isizwe."